2 Kings 9:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watuma umkweli wehashe ngokwesibini, owafika kubo, wati: Utsho ukumkani ukuti: Luxolo na? Wayesiti u‐Jehu: Uxolo luyinto nina kuwe? jikela ngasemva kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathuma owesibini umkhweli-hashe, waya kubo, wathi, Utsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathuma nowesibini umkhweli-hashe, waya kubo, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani wathumela esinye isigidimi kwangehashe. Sithe ke sakufika kubo sathi: “Ukumkani uthi mandibuze ukuba ngaba niza ngoxolo na.” UYehu waphendula wathi: “Uza kwenza ntoni ngoxolo? Tshona ngasemva kwam!”