2 Kings 9:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Yorame: Bopa. Kwaza kwabotshwa inqwelwana yake. Wasuka wapuma u‐Yorame ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, omnye nomnye enqwelwaneni yake; baye bepuma ukuya kukaulela u‐Jehu, bahlangana naye esahlulweni somhlaba sika‐Nabote um‐Yezerele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYoram, Bopha. Yabotshwa inqwelo yakhe yokulwa.Waphuma uYoram ukumkani wamaSirayeli, noAhaziya ukumkani wamaYuda, elowo esenqwelweni yakhe yokulwa. Baphuma baya kumkhawulela uYehu, bamfumana esiqwengeni somhlaba sikaNabhoti waseYizereli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehoram, Zilungiselele. Yalungiswa inqwelo yakhe. Waphuma uYehoram ukumkani wakwaSirayeli, noAhaziya ukumkani wakwaYuda, elowo esenqwelweni yakhe, baya kumkhawulela uYehu, bamfumana ezweni likaNabhoti waseYizereli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoram wathi: “Bopha inqwelo yam.” Ibotshiwe ke inqwelo yakhe yokulwa, baza ukumkani wakwaSirayeli uYoram nokumkani wakwaJuda uAhaziya bakhwela ezinqwelweni zabo, bahlangabeza uYehu. Bahlangana naye kuloo ntsimi yayiyekaNabhoti umYizereli.