2 Kings 9:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Jehu ku‐Bidekare injengele yake: Funqula, umpose kwesosahlulo somhlaba sika‐Nabote um‐Yezerele: ngokuba kumbula, nxa sanxulumana mna nawe ukukwela emva kwo‐Ahabi uyise, okokuba uyehova wabeka pezu kwake lomgwebo wokuti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehu kuBhidekare, umphathi-mkhosi wakhe, Mthwale, umphose esiqwengeni somhlaba kaNabhoti wakwaYizereli; ngokuba, khumbula, oko sasikhwele thina sobabini, mna nawe, emva koAhabhi uyise, uYehova wahlaba eso sihlabo ngaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke uYehu wathi kuBhidekare umphathi wakhe: “Mphakamise uze umphose entsimini kaNabhoti waseYizereli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYehu wathetha noBhidekare umqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Mchole umphose kulaa ntsimi yayiyekaNabhoti umYizereli. Khumbula ngokuya mna nawe sasisenqwelweni emva koyise uAhabhi, ngokuya uNdikhoyo wathethayo wathi: