2 Kings 9:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, akubona oku, wesaba ngendlela yendlu yomyezo. Wasuka u‐Jehu wamputuma, wati: Mbeteni naye enqwelwaneni. Benje njalo ke eqineni le‐Gure, elingase‐Yibelame; wandula wesabela e‐Megido, wafa kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhaziya ukumkani wakwaYuda, ekubonile oko, wasaba ngendlela yendlu yasemyezweni. UYehu wamsukela, wathi, Naye mgwazeleni enqwelweni yokulwa (kube kuseqhineni leGure elingaseIhlam). Wasaba ke waya eMegido, wafela khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAhaziya ukumkani wakwaYuda, ekubonile oko, wasabela endlwini yomyezo. uYehu wamlandela, wathi, Nawe umbethe emotweni. Benjenjalo kwinduli eya eGur, eJibheleham. Wasabela eMegido, wafela khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyibona loo nto yenzekileyo uAhaziya ukumkani wakwaJuda, wenyuka ngendlela eya eBhete-hagan. UYehu wamsukelisa, ekhwaza esithi: “Bulala!” Baza ke bamngxwelerha apho enqwelweni yakhe endleleni eya eGure ngaseIbheyam. Kambe ke waphuncula, waya kufela eMegido.