2 Kings 9:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wangena, wadla wasela nokusela, wati: Yiyani nikangele lomfazi oqalekisiweyo, nimncw̔abe, ngokuba eyintombi yokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wangena, wadla, wasela; wathi, Khanimvelele laa mqalekiswakazi, nimngcwabe; ngokuba yintombi yokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wangena wadla, wasela; wathi, Hambani niye, nikhangele inkazana eqalekisiweyo, nimngcwabe; ngokuba yintombi yokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uYehu wangena endlwini, wafika watya wasela, waza wathi: “Nosenimjonga laa mfazi uqalekisiweyo, nize nimngcwabe, kuba kaloku yintombi yokumkani.”