2 Kings 9:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku yakufika, bona ke, inkosi zempi zibe zihleli kona; yaza yati: Ndinelizwi kuwe, nkosi! Wati u‐Jehu: Kuwupina kuti sonke? Yayisiti: Kuwe, nkosi!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika ke, naba abathetheli bempi behleli phantsi. Wathi, Ndinelizwi kuwe, mthetheli-mkhosi. Wathi uYehu, Kuwuphi na, phakathi kwethu aba sonke? Wathi, Kuwe, mthetheli-mkhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika ke, ahlala khona amadindala enkundla; wathi, Ndinelizwi kuwe, kumkani! Wathi uYehu, Ngubani na phakathi kwethu sonke? Wathi, Kuwe, kumkani!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Efikile ke khona wafumana iingqwayi-ngqwayi zomkhosi zihleli ndawonye. Wathi: “Ndinomyalezo wakho, njengele!” UYehu wabuza wathi: “Uxela bani kanye?” Ke yena waphendula wathi: “Nditsho wena, njengele.”