2 Peter 2:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KODWA kwabekuko nabaprofite ababuxoki pakati kwabantu, njengokuba kuya kubako abafundisi ababuxoki napakati kwenu, abo abaya kuti ngokunyebelezisa bangenise izahlukaniso ezitshabalalisayo, bekanyela nenkosi yabatengayo, ezihlisela intshabalalo ezayo kamsinya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, kwakukho nabaprofeti ababuxoki phakathi kwabantu;njengokuba naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, kwakukho nabaprofeti ababuxoki phakathi kwabantu; njengokuba naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
KwaSirayeli babekho *abashumayeli abaxokayo; ngokunjalo ke naphakathi kwenu baza kubakho abafundisa ubuxoki. Bona baza kunyebelezisa iimfundiso ezidala intshabalalo. Baya kuphika nkqu neNkosi le ibasindisileyo, baze ngokwenjenjalo bazibizele intshabalalo ekhawulezileyo.