2 Peter 2:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
beza kwamkela nje umvuzo wokungalungileyo: bebala ububedengu basemini ukuba bungumhlali; bengamabala nezipako; befeketa ezinkohlisweni zabo, nxa badlayo nani emitendelekweni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
njengababa bubuyolo ukudla ubuncwane okwemini enye;bengamabala neziphako, bexhamla ubuncwane ngokulukuhla kwabo, bezingxala ukudla ezidlweni nani;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kwamkela umvuzo wobutshijolo, njengokuba kwabanjalo ukubalela emini ukuzonwabisa; bangamabala neziphako, bexhamla ubuncwane ngokulukuhla kwabo, bezingxala ukudla kwabo kunye nani;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, isikhuni siya kubuya nomkhwezeli. Ngakwicala leziyolo namanyala bangooncanyelweni. Bayawaxabhela amatheko enu ngokuhlala nani nitye kunye. Kaloku abasenakuzinceda ngobundlobongela nenkohliso.