2 Peter 2:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba besiti, beteta nje amazwi okuzidla angendawo, bahende ngenkanuko zenyama, ngezinto zobutshinitshini, abo babesindile kanye kubo abahlalayo elulahlekweni;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba, bevakalisa nje iindumbisa zamazwi angento yanto, babambisa ngeenkanuko zenyama, ngoburheletyo, abo babesindile, kanye kwabo bahambayo ekulahlekisweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba, bevakalisa nje iindumbisa zamazwi angento yanto, babambisa ngeenkanuko zenyama, ngoburheletyo, abo babesindile, kanye kwabo bahambayo ekulahlekisweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Banamabhongo, futhi bathetha amazwi aphuthileyo, baze bathi ngemikhuba yabo yokuzibhubhisa beyelisele abantu abangekaphuncuki kakuhle kwiindlela ezigwenxa.