2 Peter 2:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, emvenikweni basindileyo kwizinco̔liso zaselizweni ngokwaziwa kwayo inkosi nomsindisi u‐Yesu Kristu, ukuba ke babuya baṙintyelwe zizo, boyiswe, okwokupela kwabo kubi ngakumbi kokwokuqala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba xa bathi, besindile nje kuzo izidyobho zehlabathi ngokuyazi iNkosi, uMsindisi uYesu Kristu, babuye ke bazibhijele ngazo, boyiswe zizo, zisuke iziphelo zabo zaba mandundu kuneziqalo zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba xa bathe, besindile kwiidyokhwe zehlabathi ngokuyazi iNkosi, uMsindisi uYesu Kristu, babuya ke bazibhijele zizo, boyise, isiphelo sabo sibi ngaphezu kwesiqalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba abantu bathe ngokwazana neNkosi yethu uYesu Krestu baphuncuka kwizidyobho zehlabathi, baze baphinde babuyele kwakuzo zibakhoboze, isiphelo sabo sibi kunesiqalo.