2 Peter 2:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ke, ukuba utixo akayeka ingelosi zakwona, koko eziwisele esihogweni somlilo emixokelelwaneni yesitokotoko wazinikelayo ukugcinelwa ukugwetywa;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba, xa uThixo angaziconganga izithunywa zezulu ezonayo, wesuka wathi, ezikhahlele enzonzobileni, wazinikela emixokelelwaneni yesithokothoko, zigcinelwe umgwebo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba, xa uThixo angazisindisanga izithunywa zezulu ezonayo, wesuka waziphosa kwelabafileyo, wabanikela imixokelelwane yobumnyama, ukuba zigcinelwe umgwebo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izithunywa ezathi zôna uThixo akazange abe natarhu kuzo, koko wazithatha waziqamangela ngamatyathanga, waziphosa esithokothokweni sesihogo; apho zihleli khona ngoku, zilinde umhla womgwebo.