2 Peter 3:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
njengokuba eba̔lile nakuzo zonke incwadi zake, eteta kuzo ngezizinto; okukoyo pakati kwazo ezitile ezinzima ukuba ziqondwe, abati bona abangafundileyo nabajingayo bazijikajikise, njengokuba bezenze njalo nezinye iziba̔lo, kuze kube kokwabo ukutshabalala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
njengokuba, nasezincwadini zakhe zonke, ethetha kuzo ngezo ndawo; ekukhoyo kuzo zithile ziqiqeka nzima, abathi abangafundileyo, nabangazimasekileyo, bazigqwethele kokwabo ukutshabalala, njengokuba bezenjenjalo nezinye izibhalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
njengokuba, nasezincwadini zakhe zonke, ethetha kuzo ngezo ndawo; ekukhoyo kuzo zithile ziqiqeka nzima, abathi abangafundileyo, nabangazimasekileyo, bazigqwethele kokwabo ukutshabalala, njengokuba bezenjenjalo nezinye izibhalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke unjalo kakade xa ethetha ngale nyewe. Phofu ke kukho iindawo ezinzima ezincwadini zakhe. Ke zona izityhakala nabathandabuzi bazitolika gwenxa, njengoko besenza kakade *eziBhalweni. Ngokwenjenjalo ke bazibizela intshabalalo.