2 Peter 3:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
besiti nokuti: Sipina isitembiso sokufika kwayo? ngokuba kuseloko obawo balala kukufa, zonke izinto ziman’ ukuhlala njengokuba zibe zihleli njalo kwa sekuqalekeni kwokudalwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
besithi, Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
besithi, Liphi na idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, zonke izinto zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza kunenza intlekisa besithi: “Wayethe uya kubuya eze. Úphi kaloku ngoku? Oobawo sebafa, yaye into yonke isenjengoko yayinjalo kwasekusekweni kwehlabathi!”