2 Peter 3:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yona inkosi ayilibaleli okwesitembiso sayo, njengokuba besiba inxenye kukulibala; kuloko inokuzeka kade ngakuti, ingafuni ukuba namnye atshabalale, ifuna ukuba bonke bangene elugqobokweni ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala;isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani;inga bonke bangasinga enguqukweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iNkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; uzeka kade umsindo wethu ngenxa yethu, engathandi ukuba kutshabalale nabani na kodwa ukuze bonke bafikelele enguqukweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.