2 Samuel 1:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndema pezu kwake, ndamfisa, ngokuba bendisazi ukuba akayi kupila emva kwokuwa kwake; ndaye nditabata ikrone ebisentlokweni yake, nesacolo esibe sisengalweni yake, endizizisileyo enkosini yam apa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndema phezu kwakhe, ndambulala; ngokuba bendisazi ukuba akayi kuba saphila emva kokuwa kwakhe. Ndathabatha isithsaba esibe sisentlokweni yakhe, nesacholo esibe sisengalweni yakhe;ndizise zona apha kwinkosi yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndema phezu kwakhe ndaza ndambulala, ngenxa yokuba ndandisazi ukuba akayi kuphila emva kokuba esiwile; ndathabatha isithsaba esibe sisentlokweni yakhe, nesithsaba esibe sisesandleni sakhe, ndazizisa apha enkosini yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndaya ke, ndafika ndamgwaza, kuba ndandiqonda mhlophe ukuba akasokube angafi, ukuba ukhe wawa nje. Emva koko ndamothula esi sithsaba awayesithwele, ndamkhulula nesi sacholo engalweni. Nazi ke, mhlekazi; ndizizisile kuwe!”