2 Samuel 1:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
baza benza isijwili, balila, bazila ukutya kwada kwahlwa, ngenxa ka‐Saule, nangenxa ka‐Jonatane unyana wake, nangenxa yabantu bakayehova, nangenxa yendlu ka‐Sirayeli, ngokuba bebewile ngeṙele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bammbambazelela, balila, bakuzila ukudla kwada kwahlwa, ngenxa kaSawule, nangenxa kaYonatan unyana wakhe, nangenxa yabantu bakaYehova, nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bewile likrele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Balila, balila baza bazila ukutya kwada kwahlwa ngenxa kaSawule nangenxa kaYonatan unyana wakhe nangenxa yabantu bakaYehova nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bawa likrele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bazila, balila, abatya nokutya oku kwada kwahlwa, belilela uSawule nonyana wakhe uJonatan kunye namaSirayeli, abantu *bakaNdikhoyo, ababewe ngekrele.