2 Samuel 1:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya u‐Davide wati kuyo indodana ebimxelele: Uvela pina? Yati: Ndingunyana womntu wasemzini, um‐Amaleki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Yathi, Ndingunyana wendoda engumhambi, umAmaleki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Waphendula wathi, Ndingunyana wendoda engumphambukeli, umAmaleki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uDavide wabuza loo mfana wayeze nezi ndaba, wathi: “Uvela phi kakade wena, mfana?” “Mna ndingunyana wendoda engumngeneleli, umAmaleki,” uphendule watsho loo mfana.