2 Samuel 1:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwaye kute kwa ngomhla wesitatu, ukuba, bona ke, indoda yavela emkosini ku‐Saule, inengubo zayo ziṙazukile, nomhlaba pezu kwentloko yayo: kwati ke, ekuzeni kwayo ku‐Davide, yawa ngasemhlabeni, yaziqubuda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ke ngomhla wesithathu, kwabonakala kuvela indoda emkhosini, kuSawule, zikrazukile iingubo zayo, inomhlaba entloko; kwathi ekuzeni kwayo kuDavide, yawa emhlabeni, yaqubuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomhla wesithathu, kwaphuma indoda eminqubeni, zazikrazukile iingubo zikaSawule, inomhlaba entloko; wathi akufika kuDavide, waziphosa phantsi, waguqa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngolwesithathu usuku kwafika mfo uthile, evela kwikampu yomkhosi kaSawule. Wayambethe iingubo ezikrazukileyo, ezigalele umhlaba entloko. Wathi akufika kuDavide, wawa phantsi ekhahlela.