2 Samuel 1:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Saule no‐Jonatane bebengabatandekayo nabamnandi ekudleni kwabo ubomi, nasekufeni kwabo bebengahlukene: bebenamendu ngapezu kwenkozi, bebenamandla ngapezu kwengonyama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule noYonatan babeziinzwana, bethandeka ekudleni kwabo ubomi, Nasekufeni kwabo abahlukananga. Babenamendu ngaphezu kwamaxhalanga, Babenamandla ngaphezu kweengonyama.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSawule noYonatan babeziinzwana, benomtsalane ebomini babo, nasekufeni kwabo abahlukananga; Babekhawuleza ngaphezu kwamaxhalanga, babenamandla ngaphezu kweengonyama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ziinzwana, ziintandane uSawule noJonatan; ngumtya nethunga behleli, befile. Asingomendu, kuncam' ixhalanga; ziingwanzilili, bodlul' iingonyama.