2 Samuel 1:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kubuhlungu kum ngenxa yako, mzalwana wam Jonatane! ubumnandi kum kakulu; utando lwako lube lungummangaliso kum, lupezu kwotando lwabafazi!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan;Ubumnandi kakhulu kum; Kubalukekile ukundithanda kwakho Ngaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndixhalabile ngawe, mzalwana wam Yonatan; ubunomtsalane kum; Kubalukekile ukundithanda kwakho Ngaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kubuhlung' ukushiywa nguwe, Jonatan, mfo wethu! Ubuyinceke, intandane kum. Uthando lwakho kum beluncamisile; beludlul' uthando lwentombazana.