2 Samuel 1:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Davide kuyo: Kwehla nto nina? ndixeleleke. Yayisiti: Abantu besabile ekulweni; kanjako kuwile abaninzi kubo abantu, batile; no‐Saule, no‐Jonatane unyana wake, bafile nabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuyo, Kuthekeni na? Khawundixelele. Yathi, Hayi, babalekile abantu ekulweni; kananjalo kuwe into eninzi yabantu, yafa; kananjalo uSawule, noYonatan unyana wakhe, babulewe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuyo, Kuthekeni na? Nceda undixelele. Wathi, Kungokuba abantu babesoyika ukuphuma emfazweni, kwaza kwawa abantu abaninzi, bafa; NoSawule noYonatan unyana wakhe bafa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathi: “Kwenzeke ntoni? Khawundixelele.” “Umkhosi wethu usuke wabaleka,” utshilo ukuphendula, “yaye maninzi amadoda awileyo edabini. Nditsho nkqu uSawule noJonatan unyana wakhe nabo itshoba lilele umbethe.”