2 Samuel 1:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza indodana ebimxelele yati: Ndahla ndafika entabeni ye‐Giliboha; kekaloku nanku u‐Saule esimelele ngentshuntshe yake; kanjalo, bona ke, inqwelo nabakweli bamahashe bebemputuma ngokuti nama;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi indodana ebimxelela, Kuthe ukuthi gaxa kwam, ndafika ezintabeni zaseGilibhowa; nanku uSawule ayame ngentshuntshe yakhe; nabo abeenqwelo zokulwa nabamahashe bethene mbende naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi indodana ebimxelela, Ekufikeni kwam entabeni yeGilibhowa, nanko uSawule ezihlaba ngomkhonto; yabona iinqwelo zokulwa nabakhweli zimsukela ngamandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umfana lowo waphendula wathi: “Kwathi ndilapho entabeni iGilibhowa ndabona ukuba uSawule wayexhathise ngomkhonto, seleza kufunyanwa ziinqwelo nabakhweli-mahashe abamsukelayo.