2 Samuel 10:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwati lwakubona usapo luka‐Hamoni ukuba ama‐Siriya esabile, lwandula lwesaba nalo pambi kwo‐Abishai, lwangena esixekweni. Waza u‐Jowabi wabuya kulo usapo luka‐Hamoni, waya e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi, bangena ekhaya. Wabuya ke uYowabhi koonyana baka-Amon, weza eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa oonyana baka-Amoni babona ukuba ama-Aram asabile, nabo basaba phambi koAbhishayi baza bangena esixekweni. Wabuya ke uYowabhi koonyana baka-Amon, weza eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athe ke ama-Amon akubona ama-Aram ebaleka, asuka nawo abaleka angena ngaphakathi esixekweni, esaba kuAbhishayi umntakwabo-Jowabhi. Ngoko ke uJowabhi wabuya ekulweni nama-Amon, waya eJerusalem nomkhosi wakhe.