2 Samuel 10:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakuxelelwa u‐Davide, wahlanganisa onke ama‐Sirayeli, wawela i‐Yoredane, weza e‐Helame. Aza ama‐Siriya azicwangcisa ngakuye u‐Davide, alwa naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya eHelam. Akha izintlu ama-Aram malunga noDavide, alwa naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaxelwa kuDavide, wawahlanganisa onke amaSirayeli, wayiwela iYordan, waya kufika eHelam. Yaye amaSiriya ahlanganisana ndawonye ukuba alwe noDavide, yaye alwa naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan, waya kutsho eHelam. Ama-Aram akha uluhlu lokulwa noDavide, zaza zanqoza.