2 Samuel 10:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ama‐Siriya esaba pambi kwama‐Sirayeli; waza u‐Davide wabulala kuwo ama‐Siriya amadoda enqwelwana ezingamakulu asixe̔nxe, nabakweli bamahashe abangamawaka angamashumi mane; wambeta no‐Shovaki, inkosi yempi yawo, owafa kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli. UDavide wabulala kuma-Aram amakhulu asixhenxe abeenqwelo zokulwa, namashumi amane amawaka abamahashe. Waxabela noShobhaki, umthetheli womkhosi wawo, wafela khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Asaba ama-Aram phambi koonyana bakaSirayeli; uDavide wabulala kuma-Aram amakhulu asixhenxe amadoda eenqwelo zokulwa, namashumi amane amawaka abamahashe, noSobhage, umthetheli womkhosi, wafela khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ama-Aram aswantsuliswa ngamaSirayeli, waza uDavide wabulala amakhulu asixhenxe amajoni eenqwelo, namashumi amane amawaka amajoni akhwela amahashe. Wangxwelerhwa uShobhaki injengele yomkhosi wawo, waza wafa.