2 Samuel 10:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati bakubona bonke okumkani abazizicaka zika‐Hadarezere, ukuba boyisiwe pambi kwama‐Sirayeli, bandula benza uxolo nama‐Sirayeli, bawakonza. Ngako ama‐Siriya ebesoyika ukulunceda kanjako usapo laka‐Hamoni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke ookumkani abakhonza uHadadezere babona ukuba bagxothiwe phambi kwamaSirayeli, baxolelana namaSirayeli, bawakhonza. Oyika ke ama-Aram ukuba sabasiza oonyana baka-Amon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babona bonke ookumkani bakaHadadezere ukuba uyoyisiwe phambi koonyana bakaSirayeli, baxolelana noonyana bakaSirayeli, babakhonza. Ngoko ke ama-Aram oyika ukubanceda oonyana baka-Amon kwakhona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zonke iikumkani ezaziphantsi kukaHadadizere zathi zakuqonda ukuba ziyoyiswa ngamaSirayeli, zeza zenza uxolo namaSirayeli, zaba ngaphantsi kwawo. Ukususela oko ama-Aram oyika ukuwanceda emfazweni ama-Amon.