2 Samuel 10:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Davide wati: Ndiya kwenza ububele ku‐Hanune unyana ka‐Nahashe, njengokuba uyise ebebenza ububele kum. Waza u‐Davide watuma ngesandla sezicaka zake ukumku̔za ngaye uyise. Zada izicaka zika‐Davide zafika ezweni losapo luka‐Hamoni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun, unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzelayo inceba. Wathumela uDavide ngesandla sabakhonzi bakhe ukumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide, Mandimenzele inceba uHanun unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzelayo inceba. Wathumela uDavide ukuba amkhuze ngabakhonzi bakhe ngenxa kayise. Bafika abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uDavide wathi: “Mandimenzele ububele uHanum unyana kaNahashe njengoko wandenzelayo ububele uyise.” Wathuma izigidimi ke uDavide ukuba ziye kukhuza ukumkani uHanum ngenxa kayise. Athe ke loo madoda kaDavide akufika kwelama-Amon