2 Samuel 10:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko inkosana zosapo luka‐Hamoni zati ku Hanune inkosi yazo: u‐Davide uyambeka na uyihlo emehlweni ako, ngokuba ebatumele kuwe abaku̔zi? akungenxa yokuba apengulule isixeko esi, asihlole, asicite, ukuba u‐Davide uzitumile izicaka zake kuwe kusinina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun inkosi yabo, Ucinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? UDavide akabathumele na abakhonzi bakhe kuwe ukuze awugocagoce umzi, awuhlole, awubhukuqe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun umniniyo, Uthi na wena, Utsho na ukuthi, Uyihlo uDavide ebebeka intuthuzelo kuwe na? uDavide akabathumanga na abakhonzi bakhe kuni, ukuba awuhlole lo mzi, bawuncothule, bawutshabalalise?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
izikhulu zama-Amon zathi kuHanun inkosi yazo: “Ucinga ukuba ngaba uDavide lo unika imbeko kuyihlo ngokuthumela la madoda kuwe, esithi eze kukukhuza? Ayikho loo nto! La madoda ngoongcothoza; athunywe nguDavide ukuza kuhlola esi sixeko ukuze akwazi ukusibhukuqa.”