2 Samuel 10:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako u‐Hanune watabata izicaka zika‐Davide, waguya isiqingata sendevu zazo, watsheca izivato zazo ngokuziqingatisa ezinyongeni zazo, wazindulula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabathabatha ke uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya elinye icala leendevu zabo, wazicanda phakathi iingubo zabo ezinde, wada waya kuma ngemisekela, wabandulula ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wababamba ke uHanun abakhonzi bakaDavide, wabacheba isiqingatha seendevu zabo, wazicanda iingubo zabo, wada waya esinqeni, wada wabandulula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHanun wasuka wawabamba loo madoda kaDavide, wawagugula iindevu icala elinye, nezambatho zawo wazigumpula embindini kwaya kuthi xhaxhe ezimpundwini, waza ke wawandulula.