2 Samuel 10:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakuxelelwa u‐Davide, watuma ukuzikaulela; ngokuba amadoda lawo ebehlazisiwe kakulu. Wayesiti ukumkani: Hlalani e‐Jeriko, zide zikule indevu zenu, nandule nibuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waxelelwa uDavide; wathuma izigidimi zokubakhawulela;ngokuba amadoda lawo abehlaziswe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko, zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, xa bamxelelayo uDavide, wathumela ukuba bawahlangabeze; ngokuba amadoda lawo abeneentloni kakhulu; Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uDavide akuxelelwa ngoko kwenzekileyo, wathumela izigidimi, zawahlangabeza loo madoda, kuba kaloku ayehlaziswe gqitha. Ukumkani wathi: “Hlalani eJeriko, ningabuyi de zikhule iindevu.”