2 Samuel 10:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku lwakubona usapo luka‐Hamoni ukuba lunukele u‐Davide, lwandula lwatuma usapo luka‐Hamoni lwaqesha kuma‐Siriya ase‐Bete‐rehobi, nakuma‐Siriya ase‐Tsoba, amawaka angamashumi mabini abahamba ngenyawo, nakuye ukumkani we‐Mahaka iwaka lamadoda, nakuwo amadoda ase‐Tobe amawaka alishumi linamabini amadoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babona oonyana baka-Amon ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke oonyana baka-Amon, baqesha kuma-Aram aseBhete-rehobhi, nakuma-Aram aseTsobha, amashumi amabini amawaka angumqikela; nakukumkani waseMahaka iwaka lamadoda;nakumadoda aseTobhi ishumi elinamabini lamawaka amadoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babona oonyana baka-Amon ukuba badakumbile phambi koDavide, bathumela oonyana baka-Amon, baqesha kuma-Aram aseBhete-hobhi, nakuma-Aram aseTsobha, amashumi amabini amawaka amadoda ahamba ngeenyawo, nakukumkani waseMahaka, iwaka lamadoda, ishumi elinesibini lamawaka amadoda ahamba ngeenyawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ama-Amon aqonda ukuba amkhubekisile uDavide, aza aya kuqesha amashumi amabini amawaka amadoda omkhosi ahamba ngeenyawo kuma-Aram kwimimandla yaseBhete-rehobhi naseZobha. Kukumkani waseMahaka aqesha iwaka lamadoda, laza ishumi elinambini lamawaka laqeshwa eTobhi.