2 Samuel 11:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWABEKUTE ekutwaseni kwomnyaka, ngexesha lokupuma kwabo okumkani, wandula u‐Davide watuma u‐Jowabi, nezicaka zake kunye naye, nawo onke ama‐Sirayeli, ukuya kutshabalalisa usapo luka‐Hamoni, nokuvingcela i‐Raba. Kodwa u‐Davide wasala e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ukuvela komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani ukuya kulwa, uDavide wamthuma uYowabhi, nabakhonzi bakhe kunye naye, namaSirayeli onke, batshabalalisa oonyana baka-Amon, bayingqinga iRabha. UDavide wayehleli eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakuzaliseka umnyaka, ngexesha lokulwa kookumkani, uDavide wamthuma uYowabhi, nabakhonzi bakhe, namaSirayeli onke; yaye bababulala oonyana baka-Amoni baza bayibulala iRabha. Kodwa uDavide wayeseseYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngentlako-hlaza ngexesha iikumkani zazidla ngokulwa iimfazwe ngalo, uDavide wandulula uJowabhi kunye namaphakathi nawo wonke umkhosi wakwaSirayeli. Bawachitha-chitha ama-Amon, basingqinga nesixeko sawo iRabha. Ke yena uDavide wayeshiyeke eJerusalem.