2 Samuel 11:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waba̔la encwadini leyo, esiti: Beka u‐Huriya ngasebusweni bokulwa okunamandla, nize nibuye emva kwake, ukuba abetwe, afe nokufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabhala ke encwadini, wathi, Mbekeni u-Uriya kweyona ndawo ishushu, angasisichenge kuyo emfazweni, nibuye umva, ukuze abinzwe afe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabhala ke encwadini, wathi, Mbekeni u-Uriya phambi kwemfazwe enzima, nimndulule, abuyiswe, afe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Udaba lwalusithi: “U-Uriya lowo uze umbeke ngaphambili emsini apho lishushu idabi, nize nihlehle, aze yena angxwelerhwe afe.”