2 Samuel 11:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asuka apuma amadoda esixeko, alwa no‐Jowabi; kwaza kwawa inxenye yabantu ezicakeni zika‐Davide; wafa u‐Huriya um‐Hete naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aphuma amadoda aloo mzi, alwa noYowabhi; kwawa abantu kubakhonzi bakaDavide; wafa noUriya umHeti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aphuma amadoda aloo mzi, aya kulwa noYowabhi; kwawa amadoda kubakhonzi bakaDavide; wafa naye u-Uriya umHeti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphuma umkhosi esixekweni, walwa nokaJowabhi. Apho kwawa iqela lamajoni omkhosi kaDavide, wafela apho naye u-Uriya umHeti.