2 Samuel 11:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwoti ke, ukuba umsindo wokumkani uya kuvuka, aze ati kuwe: Yinina ukuba nasondela esixekweni ukulwa? anazi na ukuba baya kutola beseludongeni?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba buthe benyuka ubushushu bokumkani, wathi kuwe, Ibiyini na ukuba nisondele kangaka kuloo mzi ngokulwa?beningazi na ukuba botola beseludongeni?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenyuka umsindo wokumkani, wathi kuni, Ibiyini na ukuba nisondele phakathi komzi ngokulwa? Ubungazi na ukuba zodla eludongeni?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ngahle abe nomsindo, akubuze athi: ‘Benisondelelani kangaka kwisixeko sotshaba lwethu? Beningaqondi na ukuba zinganidubula ngeentolo zazo zisithele ngodonga?