2 Samuel 11:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngubanina owambeta u‐Abimeleki unyana ka‐Yerubeshete? ebengengumfazi na owaposa pezu kwake ilitye lapezulu lokusila kwa seludongeni, wada wafa e‐Tebetse? bekunganina ukuba nasondela kulo udonga? wandule uti: Kanjako isicaka sako, u‐Huriya um‐Hete, sifile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wabethwa ngubani na uAbhimeleki unyana kaYerubheshete?akagityiselwanga na yinkazana ngelitye lokusila eludongeni, wafela eTebhetse? ibiyini na ukuba nisondele kangaka eludongeni? uthi wena, Nomkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na owambulala uAbhimeleki unyana kaYerubheseti? Asinguye na owagalela kuye ilitye lokusila ephezu kodonga, wada wafela eTebhetse? Yini na ukuba usondele eludongeni? wathi, Utshabalele umkhonzi wakho u-Uriya umHeti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngubani na owabulala uAbhimeleki unyana kaJerubhesheti? Akafanga na eTebheze ngokugityiselwa ngumfazi ngelitye lokusila, emi ngaphezu kodonga. Benisondelelani kangaka kudonga lwesixeko?’ Uze ke uthi: ‘Nesicaka sakho u-Uriya umHeti ufile.’ ”