2 Samuel 11:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Davide wati kuso isigidimi: Uya kutsho ku‐Jowabi ukuti: Lendawo maingabi ikohlakele emehlweni ako, ngokuba iṙele lisidla naló kwa njengalowo; yomeleza ukulwa kwako ngakuso isixeko, usicite: uti wena umomeleze.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kumthunywa lowo, Wotsho kuYowabhi ukuthi, Mayingabi mbi emehlweni akho le ndawo; ngokuba ikrele eli lidla kulo nakulowa. Komeleze ukulwa kwakho, nomzi lowo uwuchithe;uze umomeleze ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kumthunywa lowo, Yithi kuYowabhi, Mayingakuvuthi le nto, ngokuba umkhonto ubulala bonke abantu; qinisa ukulwa kwakho nomzi lowo, utshatyalalisiwe, womeleze ngawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathi kwisigidimi eso: “Uze uthi kuJowabhi: ‘Uzungavumi ukuba le nto ikutyhafise; kakade ikrele eli lidla kulo nakulowaa. Sihlasele ngamandla isixeko, usichithe.’ Uze utsho ke, umomeleze.”