2 Samuel 11:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni isililo sidlulileyo, watuma u‐Davide, wamamkela endlwini yake; waza waba ngumfazi wake, wamzalela unyana. Kodwa lendawo, abeyenzile u‐Davide, ibikohlakele emehlweni kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lakudlula ixesha lezila lakhe, wathumela uDavide, wamthabathela endlwini yakhe, waba ngumkakhe, wamzalela unyana.Ke loo nto wayenzayo uDavide yaba mbi emehlweni kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lakuzaliseka ixesha lesijwili, wathumela uDavide, wamthabathela endlwini yakhe, waba ngumkakhe, wamzalela unyana. Kodwa into eyenziwa nguDavide yayiphosakele emehlweni kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lakudlula ixesha lenzila, uDavide wathi makaye kuthathwa, aze kuhlala ebhotwe, abe ngumkakhe. Wafika apho, wazala umntwana oyinkwenkwe. Kambe ke sona isenzo sikaDavide saba sibi emehlweni *kaNdikhoyo.