2 Samuel 11:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watuma u‐Davide, wabuza ngalomfazi. Kwaye kusitwa: Lo asi nguye na u‐Batesheba, intombi ka‐Elihame, umfazi ka‐Huriya um‐Hete?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathumela uDavide, wabuzisa ngaloo mfazi. Kwathiwa, Asinguye na uBhatshebha lowo, intombi kaEliham, umkaUriya umHeti?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela uDavide ukuba aye kubuza kuloo ntokazi. Wathi omnye, Asinguye na uBhatshebha, intombi kaEliyam, umkaUriya umHeti?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathumela umntu uDavide, efuna ukuqonda ukuba wayengubani na loo mfazi. Kwathiwa: “NguBhashebha, intombi kaEliyam. Ngumka-Uriya, umfo waseHeti.”