2 Samuel 11:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Davide watuma izigidimi, wamtabata; wati akungena kuye, walala naye; ngokuba ebezihlambulule ekunco̔leni kwake: wada wabuyela endlwini yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wathuma abathunywa, wamthabatha; weza ke yena kuye, walala naye. Akuba ezingcwalisile ebunqambini bakhe, wabuyela endlwini yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wathuma abathunywa ukuba bamthabathe; wamngena, walala naye; kuba ebehlambulukile ihambo yakhe, wabuyela endlwini yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide ke wathumela izigidimi ukuba zize naye. Waziswa ke kuye, waza yena walala naye. Oku kwenzeka xa loo mfazi wayesandula ukuzihlambulula emva kokuba sexesheni. Emva koko uBhashebha wabuyela emzini wakhe.