2 Samuel 11:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akutika u‐Huriya kuye, wabuza u‐Davide ngokupila kuka‐Jowabi, nangokupila kwabantu, nangokuhambiseka kwokulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya u-Uriya kuye. Wabuza uDavide ukuba unjani na uYowabhi, banjani na abantu, injani na imfazwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza u-Uriya kuye; uDavide wambuza ukuba unjani na uYowabhi, banjani na abantu, injani na imfazwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akufika u-Uriya uDavide wambuza ngempilo kaJowabhi, nempilo yomkhosi, nokuba imfazwe iqhuba njani na.