2 Samuel 11:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Huriya walala ngasemnyango wendlu yokumkani, ndawonye nazo zonke izicaka zenkosi yake; akehlela endlwini yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
U-Uriya walala emnyango wendlu yokumkani, nabakhonzi bonke benkosi yakhe; akehla aye endlwini yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
U-Uriya walala emnyango wendlu yokumkani, nabakhonzi bonke benkosi yakhe, akehla aye endlwini yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akazange agoduke yena u-Uriya; wasuka waya kulala phaya ngasesangweni lakomkhulu kunye nezicaka zikakumkani.