2 Samuel 12:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, iṙele aliyi kupambuka endlwini yako kude kube ngunapakade; ngenxa yokuba undidelile mna, nokuba umtabatile umfazi ka‐Huriya um‐Hete abe ngumfazi wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko, ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade;ngenxa enokuba undidelile, wamzeka umkaUriya umHeti, wangumkakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku ikrele aliyi kumka endlwini yakho; ngenxa enokuba undidelile, wamzeka umkaUriya umHeti, wangumkakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kungokunje ikrele alisobe liphele ukudla kulo mzi wakho, kuba undidelile wada wathatha nomka-Uriya umHeti wamenza umfazi wakho.’