2 Samuel 12:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wemka u‐Natane waya endlwini yake. Waza uyehova wambeta umntwana obezalelwe u‐Davide ngumfazi ka‐Huriya, ukuba wabesifa kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya uNatan endlwini yakhe. UYehova wamhlisela isifo umntwana abemzalelwe uDavide ngumkaUriya; wagula kakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya uNatan endlwini yakhe. uYehova wambetha umntwana lowo umkaUriya wamzalela uDavide, wagula kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ke usuke wahamba uNatan, wagoduka. *UNdikhoyo wamfaka isifo umntwana owamfumana ngomka-Uriya uDavide, wagula kakhulu.