2 Samuel 12:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula besuka abadala bendlu yake, baya kuye, ukuze bamsukise emhlabeni; kodwa ebengavumi, ebengadli isonka nabo kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Asuka ema amadoda amakhulu endlu yakhe, emvusa emhlabeni;akavuma, akadla sonka nawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Asuka amadoda amakhulu endlu yakhe, eza kuye, ukuba amfunqule emhlabeni; akavuma, akadla sonka nabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amadoda amakhulu endlu yakhe aya kuye, efuna ukumvusa kuloo ndawo wayelele kuyo, suka akavuma yena, akafuna nokutya oku kunye nawo.