2 Samuel 12:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngomhla wesixe̔nxe ukuba umntwana wabuba. Zaza izicaka zika‐Davide zoyika ukumxelela ukuba umntwana ufile; ngokuba bezisiti: Bona ke, nxa umntwana asahleli, sateta naye, kodwa ebengapulapuli ilizwi letu; soti nina ke ukuti kuye: Umntwana ufile? ngokuba eya kuzenzakalisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngomhla wesixhenxe, wafa umntwana. Boyika abakhonzi bakaDavide ukumxelela ukuba umntwana ufile; ngokuba babesithi, Yabonani, oko umntwana ebesahleli, sathetha naye, akaliphulaphula ilizwi lethu; sothini na ukuthi kuye, Ufile umntwana, aze enze into embi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomhla wesixhenxe wafa umntwana. Boyika abakhonzi bakaDavide ukumxelela ukuba umntwana ufile, bathi, Yabona, engaphilanga umntwana, sathetha kuye, akawaphulaphula amazwi ethu; Uzoxakwa njani xa simxelela ukuba umntwana ufile?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasweleka loo mntwana ngosuku lwesixhenxe, zoyika ukumxelela izicaka zakhe ukuba loo mntwana akasekho, zatsho zisithi: “Singamxelela njani sithi: ‘Umntwana ufile’? Asinguye kanene lo ubengafuni nokuthetha oku nathi engekabhubhi nokubhubha lo mntwana? He bethu, akangesuke enze into embi efile nje umntwana?”