2 Samuel 12:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa akubona u‐Davide ukuba izicaka zake bezisebezelana, wandula u‐Davide waqonda ukuba umntwana ufile; ngako u‐Davide wati kuzo izicaka zake: Ufile na umntwana? Zati: Ufile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabona uDavide ukuba abakhonzi bakhe bayasebezelana, waqonda uDavide ukuba ufile umntwana; wathi uDavide kubakhonzi bakhe, Ufile na umntwana? Bathi, Ufile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabona uDavide ukuba abakhonzi bakhe bayasebezelana, wabona uDavide ukuba ufile umntwana; Wathi uDavide kubakhonzi bakhe, Ufile na umntwana? Bathi ke bona, Ufile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa kuthe akuzibona zisebezelana izicaka, warhana uDavide ukuba lubhubhile olo sana. Uzibuzile ke wathi: “Kwenzeke ntoni? Ufile na umntwana?” “Ewe, mhlekazi, ubhubhile,” zitshilo izicaka.