2 Samuel 12:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wesuka emhlabeni, wazihlamba, wazitambisa, waguqula izivato zake, wangena endlwini kayehova, wabedesha: wandula wangena endlwini yake; wati akucela, wabekelwa isonka, wadla ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uDavide emhlabeni, wazihlamba, wazithambisa, wanxiba ngubo zimbi, waya endlwini kaYehova, waqubuda; weza endlwini yakhe, wabiza ukudla; babeka phambi kwakhe, wadla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko uDavide waphakama emhlabeni waza wazihlamba waza wamthambisa waza wambatha ezinye izambatho waza wangena endlwini kaYehova waqubuda; wacela, babeka isonka phambi kwakhe, wadla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wavuka ke emhlabeni uDavide, wahlamba. Wathambisa, wanxiba ezinye izambatho, waya kungena endlwini kaNdikhoyo, wanqula. Usuke apho waya endlwini yakhe, wafika wacela into etyiwayo, watya akuba elungiselelwe.