2 Samuel 12:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza izicaka zake zati kuye: Yinina lento oyenzileyo? ngenxa yomntwana ehleli nje ubuzila ukutya, walila nokulila; kodwa akuba umntwana efile, ubusuka wadla isonka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi abakhonzi bakhe kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo?Oko ebesahleli umntwana, wazila ukudla, walila; akuba efile umntwana, uvukile wadla ukudla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi abakhonzi bakhe kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo? Oko ebesahleli umntwana, wazila ukudla, walila; Akuba efile umntwana, wavuka wadla isonka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izicaka zakhe zathi: “Mhlekazi, noko ke le uyenzayo asisayiqondi. Ube uzilile, ulila, uyenza loo nto usana lungekabhubhi. Ngoku luswelekileyo usana uyavuka utye nokutya!”