2 Samuel 12:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ngoku efile nje, sendiya kuzilela nina? ndingaba nokumbuyisa kanjako na? ndiya kuya kuye, kodwa yena akayi kubuyela kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Efile nje kaloku, yini na ukuba ndibe ndisazila ukudla?Ndisenako yini na ukumbuyisa? Ndiya kuya kuye mna, yena akayi kubuyela kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Efile nje kaloku, yini na ukuba ndibe ndisazila ukudla? ndingambuyisela na ke kuye, ndiya kuye, akasayi kubuyela kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke usana lubhubhile; ke ndiza kuba sazilela ntoni ndingenakuluvusa nje? Ndim oza kuya apho lukhoyo; lona alunakuze luze kum.”